 |
IINTAKA ZOBOYA OBUNYE...
Uphononongo nemifunziselo yeentaka ithabathekise uluntu ukusukela kwiinveku kuyotsho koothambo-dala, kumazwekazi neenkcubeko ezahlukeneyo. Iintaka zibukelwe, zazotywa, zaqokelelwa, zafakwa koonomgogwana beendlwana, zatyandwa, zaqwayitwa ngabazobi, ziinzululwazi, ngababhali, iingcali ngempilo yeentaka neemvumi. Ziphembelele umculo, amabali kunye neentsomi futhi zibengamaqhina onxebelelwano kunye nemiqondiso yezinye iihlabathi.
Yintoni kanye le ithabathekisa kangaka ngeentaka? Ziphila kwihlabathi elibonakalayo, kwindalo ngaxeshanye zindanda kwizwekazi elingenasiphelo. Zizinto ngobunto kambe ngophuncuka-bemphethe. Zihombis' indalo ngobumbetshe-mbetshe kodwa zithi pheselele ngephanyazo. Sithabathekiswa bubuceducedu bobuchwephetshe beendlwana zazo nobunzulu beempawu zobuqabane bazo. Kwizidalwa ezizinz'emhlabeni njengathi, iintaka zikhululeke okomya iintshukumo zazo azinambophelelo. Isibhakabhaka ezingenantaka nentsholo yazo asinantshukumo yaye singuthul'andithethi. Zisenyusel' ulangazelelo yaye zanelis'uvakalelo lwethu, iintsiba zazo zihombis' imizimba nemimandla yethu futhi zinik' intsingiselo nesidima kumasiko nezenkolo. Zihlala zingumnqa nomqondiso yaye zikhaph' amaphupha ethu, ngokunjalo zinobunganga bokuqingqa ilizwe leminyanya yaye kwizithethe ezithile zingabathunywa abangcwalisiweyo bomphefumlo nengomso lomntu.
Isihloko salo mboniso,"Iintaka zoBoya obunye…"siphembelelwe sisaci "intaka zoboy'obunye zibhabha kunye" yaye apha isetyenziswe njengesafobe sokubhiyozela iqhina lomanyano boovimba bendyebo embaxa abasengelwa kwithunga le-Iziko Myuziyam zaseKapa. Lo mboniso uphonononga ilizwekazi leentaka ukususela endulo kuzokuthi xhaxhe kule mihla siphila kuyo. Usondezela kufutshane indalo nenkckcubeko njengoko Iziko lisenza njalo. Umbukeli uzakungabezwa ngumbono wendalo nobugcisa obushiy' amehlo buzotywe zizandla zomntu futhi anyuselwe uvakalelo nengqiqo eyodwa ngemiba yezenzululwazi nezobucisa. Olu khenketho lwembali lusibonisa imo yasendulo phambi kokudalwa komntu. Amathambo entaka iDodo eyatshabalalayo asikhumbuza ngeentlobo-ntlobo zeentaka (malunga nama-8 600) ezakhe zakho nobungozi babantu kwindalo, kwintlobo-ntlobo zokudaliweyo noyondelelwano lwempilo. Imigaqo nemiboniso yeemyuziyam ibekw'esweni elitsolileyo. Lo mboniso ukwagqalis' inyameko kwindlela amagcisa ahlutshezwe ngayo ekusebenziseni nasekuzobeni iintaka, ukususela kwimizobo-ngcaciso yezeenzululwazi nemifanekiso epeyintiwe ngathi ifotiwe kuyokuthi xhaxhe ngemifanekiso ebuntaka ezotywe ngokusebenzisa umfanekiso-ngqondweni; ukususela kuluvo lwezopolitiko notoliko loluvo lomphefumlo kuyokutsho kubhengezo lwamaphupho neminqweno ngemifanekiso.
Kwintendelezo yale galari, abandwendweli bayakudibana nesigaba esiphilayo salo mboniso- izikhova ezinikelwe ngobubele yi-World of Birds kwindlwana eyakhiwe liSebe lemiSebenzi yobuRhulumente.
Le mifanekiso inxulumene neentaka idimbazwe kwezi myuziyam zilandelayo: uVimba kaMichaelis, iMyuziyam yeMbali yeNkcubeko yoMzantsi Afrika, iMyuziyam yoMzantsi Afrika kunye neGalari yoBuzwe yoMzantsi afrika. Le ntsebeziswano isinike ithuba lokudimbaza koovimba bethu imifanekiso engafane ibonwe okanye engazange yabonwa nguwonke-wonke. Uninzi lwemifanekiso ehlwabisayo ayinakususwa kwimiboniso ethile ngoko ke abandwendweli bayakhuthazwa ukuba batyelele ezinye zezi myuziyam bayokutyebis' imehlo kobunye ubutyebi bemifanekiso yeentaka koovimba be-Iziko Myuziyam zaseKapa.
 |